Uluhlu lokurhweba lwesikeyile somfama
INkqubo yeNtengiso yeMfuyo
ISEBE LEZOLIMO
Amanyathelo okuthengisa imfuyo yakho
INyathelo loku-1: uLungiso
Yenza isigqibo sokuba zeziphi izilwanyana oza kuzithengisa kwaye ngoba kutheni.
Imiba emayithathelwe ingqalelo:
Ubulunga kunye nokuhlelwa
Iimpawu zokuhlela zimiselwa ngokweminyaka, ukutyeba, ukwakhiwa, umonakalo nesini.
Iarhente yorhwebo ingakunceda ukuba uzihlele izilwanyana.
Ubuninzi
Amafama kufuneka ukuba enze amaqela entsebenziswano okanye empahla yorhwebo ukwenyusa inani lesitokhwe kunye neendleko zokuthutha ezisezantsi.
Ubunzima
Kuyakufuneka uqonde ubunzima besilwanyana phambi kwentengiso.
INyathelo lesi-2: Lungisa intengiso
Qhagamshelana ne-arhente yorhwebo ubuze ngamaxabiso kunye neentsingiselo zorhwebo
Nika ulwazi olubalulekileyo malunga nobulunga kunye nohlelo, isimo sokumitha, ubunzima, kwaye, okubalulekileyo, ixabiso eligciniweyo lemfuyo yakho.
Yenza ubekelo lwentengiso yemfuyo yakho ngomhla owonyuliweyo.
Qinisekisa ukuba yonke imfuyo yakho ineempawu ezisemthethweni zokuzazisa.
Yenza ulungiselelo lothutho.
Fumana isiqinisekiso sokuhambisa kwiYunithi yokweBiwa kweMfuyo yasekuhlaleni.
Ngaphandle kwala maxwebhu ungohlwaywa okanye imfuyo yakho ithathwe.
INyathelo lesi-3: kwiNdawo yeNtengiso
Qaphela ukuba imfuyo iseyeyakho kwaye iyimfanelo yakho.
Intengiso igqitywa xa uthe "ithengisiwe".
INyathelo lesi-4: Emva kwentengiso
Gqiba intengiselwano.
Yenza ingxelo yokukhulula kwaye uqinisekise ukuba zonke iinkcukacha zichanekile.
Yamkela intlawulo.
Indlela engathi ikhuselekile kukuba imali yakho mayifakwe kwi-akhawunti yakho yebhanki.
Umthengi ufuna uxwebhu lokugunyazisa elifunyanwa kwiYunithi yokweBiwa kweMfuyo yasekuhlaleni ukuhambisa imfuyo.
Isoloko iluluvo oluhle ukuya kwintengiso phambi kokuba uthumele imfuyo yakho ixesha lokuqala. Okanye uhambe nomntu oke wayenza ngaphambili.
Amanani:
Bazi ubunzima obuchanekileyo besilwanyana phambi kwentengiso.
Isikhundla sophawu olusemthethweni lokwazisa. Umvambo wenziwa kwindlebe esekhohlo okanye ekunene. Uphawu olulolwakho lwenziwa kumlenze ongasemva nasegxalabeni.
Umvambo
Ukufaka uphawu olulolwakho
ITHENGISIWE!
